top of page

Isebe lezothutho eMpuma Koloni lihlab’ikhwelo kwiinkokheli emva komonakalo wendlela odalwe luqhankqalazo.

Writer's picture: somila zonkesomila zonke

Updated: May 15, 2024

izithuthi zicwezela ecaleni kwendlela genxa yamatye asendleleni. Umfanekiso: SABC News


Isebe lezothutho kwiphondo lweMpuma Koloni lisigxekile isenzo sokuvalwa kwendlela uR394 kulandela uqhankqalazo  kummandla iPhakade neMagusheni, kude kufuphi neBizana.


Ngokwengxelo ekhutshwe sisithethi sesebe lezothutho ephondweni kwikhasi lonxebelelwano uFacebook, ekhalimela esisenzo kanobomi, uUnathi Binqose uthi umnqwazi wakhe awuqini sesisigqibo sithathwe ngabahlali ukukhawulelani nalomcelimngeni bajongene nawo, “kukho abantu abahambe begrumba imiselwa embindini wendlela bekwatyhala namantye, amatye anokudala umonakalo kubaqhubi, ikhokhelele nakwiingozi zenqwelo-mafutha ezinokusuba imiphefumulo” uthethe wenjenje okaBinqose.


 lomonakalo udalwa sisanxwe sabahlali balommandla abangazifuni ukuzibona bephantsi komasipala iNtabankulu koko bazifuna bekulowo waseMzimvubu.


Isithethi sikwahlab’ikhwelo malunga nongenelelo kwabo bafunjathiswe izikhundla ezinefuthe lwesikhokhelo ebahlalini. ukwabanga nangokongiwa kokusele kufunjathiswe iphondo le Mpuma koloni, “…siyanqanda nto zakowethu, siyanqanda, siliphondo elingathathi ntweni, masingayenzi impazamo yokutshabalalisa okuncinci sinako kakade”, wongeze wenjenje okaBinqose.


nangona ingxelo ephuma kumboko wabahlali ngokuphatheleni nomenakolo odalekileyo ungekafumaneki, abantu kumakhasi onxebelelwano baveza ukungonwabi sesisiganeko bambi betyhola ukuyekelelwa kwesandla ngakwabo baphetheyo, "intsilelo yobunkokheli kwiphodo lethu kuyiqhubela pantsi....ngoba wonke umntu unguhlohlesakhe alibale ukuba kwa lalendlela inye ingaphela ibulala yena kungenjalo usapho lwakhe" uphefumle uPrince Xolile Ndevu, umhlomli kwikhasi uFacebook.

 

Lo kaBinqose ukwathi umthetho kumele udlale idima yayo khon’ukuze abenzi boku balele bebaliwe. Abakwantsasana bakwindawo yesehlo ngelinge lokuncedisa ukuqengqela bucala amatye abakiweyo kwindlela uR394 bekwadiba nemiselwa ethe yembhiwa ngabahlali.


 

16 views

Comments


  • Pinterest
  • Twitter
  • Instagram

TheUpdate

Everything News&Everything Life

© 2035 by Inner Pieces.

Powered and secured by Wix

Contact

Ask me anything

Thanks for submitting!

bottom of page