uluhlu wemphahla yabarhanelwa borhwaphilizo lwezixhobo lokuzikhusela kwiCovid-19,PPE, umfanekiso; NPA/ X
Inkulumuso yephodo laseMpumalanga uMandla Ndlovu uwamkele amanyathelo athatyathwe ngamabhunga onyanzeliso mthetho kubarhanelwa abajamelene nezityholo zorhwaphiliso ngexesha likabhubhane iCovid-19 ephondweni lakhe.
UNdlovu uthi bengurhulumente wephondo bazimisele ukuxhomisa izinga urhulumente ajongelwe kulo bebekaphambili iinkonzo zoluntu kwaye izenzo ezijonge ukuphazamisa oko bakulangazelelayo abanako ukuzinyamezela, “siyakwamkela ukuthatyathwa kwempahla yabo njengenxalenye yophando lokusiphuma nengcambhu urhwaphilizo nolwaphulo-nthetho eburulumenteni wethu.
Oku kukumilisela okulungileyo kurhulumente nokukhuthaza indlela yokuziphatha phakathi kwabasebenzi bakarhulumente”, uthethe wenjenje uNdlovu.
Ngamashumi amabini anesibini wabo basemagunyeni kwiOfisi yesebe lemisebenzi yoluntu kuquka nabanikezeli benkonzo abathe babanjelwa impahla zabo ezithwele amaxabiso ayileyo ku R52.6million emva kwesigunyazisi esikhutshwe ligunya-bantu lotshutshiso.
Ngamabhunga otshutshiso iAssets Forfeiture Unit, iSpecial Investigating Unit, nebutho loKhetshe, iHawks ukutsho, abhenele kwinkundla ephakamileyo eMpulamanga ngelinge lokuzuza isigunyaziso sokubamba impahla yabarhanelwa- abasebenzi besebe lweenkozo zoluntu- uMacdonald Sigudla, Dorries Mbatha, Bandile Ngcobo, Godisamang Molotsane, Kobus Mkhabela, Sipho Monareng- abanikezeli benkonzo- Maganeleni Trading and Projects (Pty) Ltd, Anthony Manganeleng Mashigo, Gladness Gugu Bulunga, Thandolwam Transport and Projects (Pty) Ltd, Mbombela integrated Waste Management Service (Pty) Ltd , Orapaleng Molotsane, Tsidi Susan Sedibe, Superia Service Trading CC, Whisky Delisa Khumalo, Makulaspan Construction (Pty) Ltd, Thanbang Lebo Andiswa Dibakoane, Ntando Ms Trading (Pty) Ltd, Bongani Edward Lukhene, Ligabho Le’Africa Properties (Pty) Ltd, Oratile Malotsane, Ezrom Molotsane, kulandela uphando oluthe lwenziwa ngakoluluhlu noluthe lwafunyaniswa lubandakanyeka kurhwaphilizo lwezixhobo zokhuselo bezithi zisetyenziswe negxesha leCovid-19 iPersonal Protective Equipment ukutsho.
Ingxelo zidiza ukuba uphando olwenziwe iSpecial Investigating Unit emva kokuyelewa nguMongameli uCyril Ramaphosa lufumanise ukuba abaphathi abaphezulu kwiofisi yemisebenzi yoluntu kulammdla bayabandakanyeka kurhwaphilizo, ubuqhophololo, ubusela, kuquka norhwaphilizo lwemali.
Ezingxelo zidize ukuba ababasebenzi bawonga izigidi zerandi zethenda kubanikezeli benkonzo, mali leyo yayenzelwe uzixhobo zokhuselo kubhubhane iCovid-19. Endaweni yokuhambisa unkonzo zange kubenjalo. Kudizwe ukuba ababanikezeli benkonzo babuyiza izixamali kubasebenzi bakarhulumete nakwizihlobo zabo ngendlela ezahukileyo.
UNdlovu ukwathe amanyathelo athatyathwe ngabazomthetho ukuphanda ke kubanjwe abarhanelwa abonisa ukubaluleka kokuliwa urhwaphilizo esithi abo barhanelwayo kufuneka bayohlamba amagama abo phantsi kwezityholo ababekwe zona.
Ababasebenzi nabanikezeli zinkonzo bakwinkundla yamatyala iCommercial Crimes Court ukutsho, bajongene namatyala orhwaphilizo, upuqhophololo, norhwaphilizo lwemali.
Comments