top of page

Iqela lezopolitiko iEFF lizuze uAdvocate Mkhwebane njenge qaban'elitsha.

Writer's picture: somila zonkesomila zonke

Advocate Busisiwe Mkhwebane ethatha isifungo njengeqabane elistsha leEconimic Freedom Fighters (EFF) eKwaggafontein, Mpumalanga. Umfanekiso: SABC


Iqela lezopolitiko iEconomic Freedom Fighters, iEFF ngamafuphi, lamkele ngokusesikweni lowo wayesuka ukuba nguMkhuseli woluntu uAdvocate Busisiwe Mkhwebane. Kwisifungo uMkhwebane ukhankanye ukuzimanya neliqela ngaphandle kwenjongo zenzuzo, “ ndiyijoyina iEFF ngokuzithandela ngaphandle kwenjongo yenzuzo yam okanye leyo yezinto eziphathekayo”.


kwisifungo sakhe lo kaMkhwebane ukubeke kwacaca ukuba ulilungu njengabani na olilo kulombutho, kwaye akajonganga kutataswa ngezukhundla,uthethe wenjenje” ndizakuyithatha inxaxheba kubomi beEconomic Freedom Fighters ukuzabalazela ukuya kwinkululeko egqibeleleyo yoMzansti Afrika... kwaye ndizokwenza oko njengelungu lweEconomic Freedom Fighters elinyanisekileyo neliqeqeshekileyo”, ekwafunga ngelithi uzokwenza oku ekhokwelwa yimigaqo-siseko kwanemigaqo-nkqubo yeliqela.


Kwingxelo ekhuthswe leliqela kwikhasi lezonxebelelwano, uFacebook, limchaze lo kaMkhwebane njengeqabane eliza lifumbhathe amava azakuthi abenegalelo nanjengoko bejolise kunyulo lukazwelonke kwanelo loomasipala kunyaka ozayo.


Inxaso yeliqela ikwaveze umbono ochasa isenzo sokukhutshwa kwakhe kwisihlalo sokuba ngumkhuseli woluntu, ikwayamanisa esisenzo neso sobuhlanga phakathi kwezinye, isithi “ ikwisiseko sokuba iEFF iqhubekeke ukubhiyozela uAdvocate Mkhwebane ngengomkhuseli woluntu ophume izandla kwinkululeko yethu, kwaye sikubona ukususwa kwakhe ngequbuliso njengesenzo senzondo ngakumntu wasethyini esivela kumbutho onobuhlanga, esisebenzisana nombutho ophetheyo onoMongameli othe uMkhwebane wanesibindi sokucela umngeni ngakubugebenga bakhe”.


Lo kaMkhwebane wakhonjiswa umnyango kwinyanga ephelileyo, emva kokufumana u79.5% yevoti ezakhupha zwi’linye lokuba makagxidike esihlalweni emva kwengxelo ethe yamfumana enetyala phantsi kwecandelo u194, kulandela ukurhoxiswa kwakhe.

15 views

Comments


  • Pinterest
  • Twitter
  • Instagram

TheUpdate

Everything News&Everything Life

© 2035 by Inner Pieces.

Powered and secured by Wix

Contact

Ask me anything

Thanks for submitting!

bottom of page